6 Musani ukukunika izinja okungcwele, kanjalo ningaziphosi iiperile* zenu phambi kweehagu, hleze zizinyathele ngamanqina azo, zijike ziniqwenge.
7 Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa;
8 kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa.
9 Nguwuphi na umntu kuni ongáthi, ukuba unyana wakhe uthe wacela isonka, amnike ilitye?
10 Athi, ukuba uthe wacela intlanzi, amnike inyoka?
11 Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ngokubapha okulungileyo abo bamcelayo?
12 Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo; kuba oko kungumthetho nabaprofeti.