13 Waza wathi uYesu kumthetheli-khulu, Hamba ke, makwenzeke kuwe ngokokholo lwakho. Saphiliswa kwangalo elo lixa isicaka sakhe.
14 Ke kaloku uYesu wangena endlwini kaPetros, wabona umkhwekazi wakhe elele, esifa yicesina.
15 Waza wachukumisa isandla sakhe, yamyeka icesina; wavuka ke, wabalungiselela.
16 Kuthe ke kwakuhlwa, kwaziswa kuye into eninzi yabaphethwe ziidemon; wabakhupha oomoya abo ngelizwi, wathi nabo bonke abafayo wabaphilisa;
17 ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi, Yena ngokwakhe wabuthabatha ubulwelwe bethu, wazithwala izifo zethu.(UIsaya 53:4)
18 Uthe ke uYesu, akubona abantu abaninzi bemphahlile, wathi makumkiwe kuyiwe ngaphesheya.
19 Kweza mbhali uthile, wathi kuye, Mfundisi, ndiya kukulandela apho ungaya khona.