29 Wandula ukuwachukumisa amehlo azo, esithi, Ngokokholo lwenu makwenzeke kuni.
30 Avuleka ke amehlo azo. Waza uYesu waziyala kalukhuni, esithi, Lumkani ingàziwa mntu le nto.
31 Kodwa zona zaphuma, zalubhengeza udumo lwakhe kuwo wonke loo mhlaba.
32 Ke kaloku zakubon' ukuba ziyaphuma, kwabonakala kuziswa kuye umntu osisidenge, ophethwe yidemon.
33 Kwathi, yakukhutshwa idemon, sathetha isidenge; zamangaliswa izihlwele, zisithi, Akuzanga kubonwe okunje kwaSirayeli.
34 Ke bona abaFarisi babesithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon.
35 Waye uYesu eyihamba yonke imizi nemizana, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini.