38 Ke kaloku ujikile uYesu, ababone belandela, athi kubo, Nifuna ntoni na? Bathi ke bona kuye, Rabhi (oko kukuthi ngentetho evakalayo, mfundisi), uhlala phi na?
39 Athi kubo, Yizani nibone. Beza, babona ke apho ahlala khona; bahlala naye loo mini; laye ke ilixa lingathi leleshumi.
40 YayinguAndreya, umzalwana kaSimon Petros, omnye wabo babini, babeve kuYohane, bamlandela.
41 Yena ufumana kuqala owakhe umzalwana, uSimon, athi kuye, SImfumene uMesiya (oko kukuthi ngentetho evakalayo, uKristu*).
42 Wamsa kuYesu; uthe ke uYesu wondela kuye, wathi, Wena unguSimon, unyana kaYona; kuya kuthiwa unguKefas (oko kukuthi ngentetho evakalayo, ùnguPetros*).
43 Ngengomso uYesu wafuna ukuphuma aye kwelaseGalili; ufumana uFilipu, athi kuye, Ndilandele.
44 Ke kaloku uFilipu ebengowaseBhetesayida, womzi wakuloAndreya noPetros.