7 Wabuya wathi ngoko kubo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Ndim isango lezimvu.
8 Bonke abezáyo ngaphambi kwam bangamasela nezihange; ke zona izimvu azibevanga.
9 Ndim isango; ukuba umntu uthe wangena ngam, wosindiswa; uya kungena ephuma, afumane utyani.
10 Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo.
11 Ndim umalusi olungileyo; umalusi olungileyo, ubomi bakhe ubuncamela izimvu.
12 Ke yena ongumqeshwa, engengumalusi, ezingezizo ezakhe izimvu, uyibona ingcuka isiza, azishiye izimvu, abaleke, ize ingcuka izibambe, izichithachithe izimvu.
13 Umqeshwa lo ke ubaleka ngokuba engumqeshwa, engazikhathalele izimvu.