36 Nisenalo nje ukhanyiso, kholwani kulo ukhanyiso, ukuze nibe ngabokhanyiso.Wazithetha uYesu ezi zinto, wemka, wabazimela.
37 Ke kaloku, nakuba wayenze imiqondiso engaka phambi kwabo, abakholwanga kuye;
38 ukuze ilizwi likaIsaya umprofeti lizaliseke, awalithethayo esithi,Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu?Nengalo yeNkosi ityhileke kubani na?(UIsaya 53:1)
39 Ngenxa yoku babengenako ukukholwa, ngokuba uIsaya ubuya athi,
40 Úwamfamekisile amehlo abo,Uyiqaqadekisile nentliziyo yabo,Hleze babone ngamehlo, baqiqe ngentliziyo,Bajike,Ndibaphilise.(UIsaya 6:9,10)
41 Ezi zinto wazithetha uIsaya, oko wabubonayo ubuqaqawuli bakhe, wathetha ngaye.
42 Noko ke nakubo abaphathi into eninzi yakholwa kuye; kodwa ngenxa yabaFarisi yayingavumi ngamlomo, hleze ikhutshwe esikhungwini;