3 ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani.
4 Apho ke ndiya khona mna niyakwazi, nendlela niyayazi.
5 Uthi uTomas kuye, Nkosi, asazi apho uya khona; singáthini na ke ukuyazi indlela?
6 Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam.
7 Ukuba benindazile mna, ninge nimazile noBawo; ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona.
8 Athi uFilipu kuye, Nkosi, sibonise uYihlo, kosanelisa.
9 Uthi uYesu kuye, Ndinaxesha lingakanana ndinani nje, akukandazi na, Filipu? Lowo undibonileyo mna umbonile uBawo; ùtsho ngani na ke wena ukuthi, Sibonise uYihlo?