6 Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam.
7 Ukuba benindazile mna, ninge nimazile noBawo; ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona.
8 Athi uFilipu kuye, Nkosi, sibonise uYihlo, kosanelisa.
9 Uthi uYesu kuye, Ndinaxesha lingakanana ndinani nje, akukandazi na, Filipu? Lowo undibonileyo mna umbonile uBawo; ùtsho ngani na ke wena ukuthi, Sibonise uYihlo?
10 Akukholwa na ukuba mna ndikuye uBawo, abe ke uBawo ekum? Amazwi endiwathethayo mna kuni, andiwathethi ephuma kum; uBawo ke ohleli kum, nguye oyenzayo imisebenzi le.
11 Kholwani ndim, ukuba mna ndikuye uBawo, nokuba uBawo ukum; okanye ke, kholwani ndim ngenxa yayo imisebenzi leyo.
12 Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna, uya kuyenza naye yena; nemikhulu kunale uya kuyenza, ngokuba mna ndisiya kuye uBawo.