7 Noko ke mna ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke; kuba, ndingemkanga, uMthetheleli akayi kuza kuni; ke, ndíthe ndemka, ndiya kumthumela kuni.
8 Efikile ke, uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo;
9 ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum;
10 ngenxa yobulungisa, ngokokuba ndisiya kuBawo, ize ningabi sandibona;
11 ngenxa yomgwebo, ngokokuba umphathi weli hlabathi egwetyiwe.
12 Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni, kodwa aninako ukuzithwala ngoku.
13 Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayi kuthetha okuphuma kuye, uya kuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo.