9 ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum;
10 ngenxa yobulungisa, ngokokuba ndisiya kuBawo, ize ningabi sandibona;
11 ngenxa yomgwebo, ngokokuba umphathi weli hlabathi egwetyiwe.
12 Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni, kodwa aninako ukuzithwala ngoku.
13 Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayi kuthetha okuphuma kuye, uya kuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo.
14 Yena uya kundizukisa; ngokuba eya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke.
15 Zonke ezo zinto anazo uBawo zezam; ngenxa yoko ndathi, úya kwamkela kokukokwam, aze anibikele.