1 Ezi zinto wazithetha uYesu, wawaphakamisa amehlo akhe wakhangela ezulwini, wathi, Bawo, lifikile ilixa; mzukise uNyana wakho, ukuze noNyana wakho akuzukise;
2 njengokuba wamnika igunya kubantu bonke, ukuze bonke omnike bona, abanike ubomi obungunaphakade.
3 Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.
4 Mna ndikuzukisile emhlabeni, ndiwufezile umsebenzi obundinikile ukuba ndiwenze.