16 Àbangabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.
17 Bangcwalise ngayo inyaniso yakho; ilizwi lakho liyinyaniso.
18 Njengokuba wandithuma ehlabathini, nam ndibathume bona ehlabathini.
19 Ngenxa yabo ke ndiyazingcwalisa mna, ukuze nabo babe ngabangcwalisiweyo yinyaniso.
20 Andiceleli ke aba bodwa, ndicelela nabo baya kukholwa kum ngelizwi labo; ukuze bonke babe banye;
21 njengokuba wena, Bawo, ukum, mna ndikuwe, ukuze nabo babe banye kuthi; ukuze ihlabathi likholwe ukuba wena wandithuma.
22 Uzuko owandinika lona, ndilunike bona; ukuze babe banye, njengokuba thina sibanye;