4 Mna ndikuzukisile emhlabeni, ndiwufezile umsebenzi obundinikile ukuba ndiwenze.
5 Ndízukise ke ngoku, wena Bawo, kuwe ngokwakho, ngozuko ebendinalo kuwe, lingekabikho ihlabathi.
6 Ndilibonakalisile igama lakho kubo abantu obundinike bona, bephuma ehlabathini; babengabakho, wabanika mna; ilizwi lakho balibambile ke.
7 Ngoku baqondile, ukuba zonke izinto ondinike zona zivela kuwe.
8 Ngokuba amazwi ondinike wona, ndiwaniké bona; bona bawathabatha, baqonda ngokwenyaniso ukuba ndaphuma kuwe; bakholwa ukuba wena wandithuma.
9 Mna ndicelela bona; andiceleli lona ihlabathi, ndicelela abo undinike bona; ngokuba bengabakho.
10 Izinto zonke ezizezam zezakho, zibe ezakho zizezam; ndizukisekile ke kubo.