23 Waliphendula uYesu wathi, Ukuba ndithethé kakubi, ngqinela ububi obo; kodwa ukuba ndithethé kakuhle, undibethelani na?
24 UAnas wamthumela ebotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu.
25 Ke kaloku uSimon Petros wayemi esotha; bathi ngoko kuye, Ingaba nawe ungowabafundi bakhe yini na? Wakhanyela yena wathi, Andinguye.
26 Athi omnye umkhonzi wombingeleli omkhulu, osisalamane salowo uPetros wamnqamla indlebe, Andikubonanga mna yini na emyezweni unaye?
27 Wabuya ke wakhanyela uPetros. Yasuka yalila kwaoko inkuku.
28 Bamsusa ngoko uYesu kuKayafa, bamsa kwindlu yerhuluneli; bekukusasa ke oko; bona abangenanga endlwini yerhuluneli, ukuze bangadyobheki, ukuze bayidle ipasika.*
29 Waphuma ke uPilato waya kubo, wathi, Nimisa tyala lini na kuye lo mntu?