26 Athi omnye umkhonzi wombingeleli omkhulu, osisalamane salowo uPetros wamnqamla indlebe, Andikubonanga mna yini na emyezweni unaye?
27 Wabuya ke wakhanyela uPetros. Yasuka yalila kwaoko inkuku.
28 Bamsusa ngoko uYesu kuKayafa, bamsa kwindlu yerhuluneli; bekukusasa ke oko; bona abangenanga endlwini yerhuluneli, ukuze bangadyobheki, ukuze bayidle ipasika.*
29 Waphuma ke uPilato waya kubo, wathi, Nimisa tyala lini na kuye lo mntu?
30 Baphendula bathi kuye, Ukuba ebengenguye umenzi wobubi yena, singe singamnikelanga kuwe.
31 Wathi ngoko uPilato kubo, Mthabatheni nina, nimgwebe ngesiko lenu. Athi ngoko amaYuda kuye, Akuvumelekile kuthi ukuba sibulale umntu;
32 ukuze ilizwi likaYesu lizaliseke awalithethayo, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako.