1 Waza ngoko uPilato wamthabatha uYesu, wamtyakatya.
2 Amasoldati, eluke isithsaba ngameva, asibeka phezu kwentloko yakhe, amthi wambu ngengubo ebomvu,
3 amana esithi, Aa! Kumkani wamaYuda! ammonxoza.
4 Wabuya ngoko waphuma phandle uPilato; athi kubo, Yabonani, ndimzisa phandle kuni, ukuze nazi ukuba andifumani nalinye ityala kuye.