17 Uthi uYesu kuye, Ungàndichukumisi; kuba andikanyuki ndiye kuBawo; ke yiya kubazalwana bam, uthi kubo, Ndiyenyuka, ndiya kuBawo, kuYihlo; kuThixo wam, kuThixo wenu.
18 Afike uMariya waseMagadala, ababikele abafundi ukuba uyibonile iNkosi; yathetha ezi zinto kuye.
19 Kwakuhlwa ngoko, ngolokuqala usuku lweveki, zakubon' ukuba iingcango zivaliwe, apho babehlanganisene khona abafundi, ngenxa yokoyika amaYuda, wafika uYesu wema phakathi, wathi kubo, Uxolo malube nani. Akutsho, wababonisa izandla necala lakhe.
20 Bavuya ngoko abafundi bakuyibona iNkosi.
21 Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Uxolo malube nani; njengokuba uBawo endithumile mna, nam ndiyanithuma nina.
22 Akutsho wabaphefumlela, wathi kubo, Yamkelani uMoya oyiNgcwele;
23 abazono nithe nazixolela, bazixolelwe; nabazono nithe nazibamba, zibambekile.