17 Kuba uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini, ukuze aligwebe ihlabathi; wamthuma ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye.
18 Lowo ukholwayo kuye, akagwetywa; ke lowo ungakholwayo, uselegwetyiwe, ngokuba engakholwanga kwigana loNyana okuphela kwamzeleyo uThixo.
19 Ke kaloku, umgwebo nguwo lo, ukuba ukhanyiso lufikile ehlabathini, baza abantu bathanda ubumnyama ngaphezu kokhanyiso; kuba imisebenzi yabo ingendawo.
20 Kuba bonke abenza okubi, bayaluthiya ukhanyiso, bangezi elukhanyisweni, ukuze imisebenzi yabo ingòhlwaywa.
21 Ke lowo uyenzayo inyaniso uyeza elukhanyisweni, ukuze imisebenzi yakhe ibonakalaliswe; ngokuba isetyenzelwe kuThixo.
22 Emveni kwezi zinto, weza uYesu nabafundi bakhe emhlabeni wakwaYuda; wakha walibala khona apho nabo; wabhaptiza.
23 Waye ke noYohane ebhaptiza e-Enon, kufuphi neSalem, ngokuba amanzi abemaninzi khona apho; babesiza ke babhaptizwe.