1 Ithe ngoko iNkosi, yakwazi ukuba abaFarisi bavile ukuba uYesu ugqithisile kuYohane ngokwenza nokubhaptiza abafundi
2 (nakubeni ke uYesu ngokwakhe ebengabhaptizi, bekubhaptiza abafundi bakhe),
3 yalishiya yona elakwaYuda, yabuya yaya kwelaseGalili.
4 Ibimelwe ke kukuthi icande kwelamaSamariya.
5 Ifike ke emzini welamaSamariya ekuthiwa yiSikare, kufuphi nomhlaba awathi uYakobi wawunika uYosefu unyana wakhe.
6 Ke kaloku umthombo kaYakobi ubukhona.Uthe ke ngoko uYesu, ebulalekile kukuhamba, wahlala enjalo phezu komthombo; ilixa ngathi belilelesithandathu.
7 Kufika intokazi yelamaSamariya, isiza kukha amanzi, athi uYesu kuyo, Ndiphe ndisele.