23 Kodwa kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula.
24 UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.
25 Ithi intokazi kuye, Ndiyazi ukuba uMesiya uyeza, ekuthiwa nguKristu;* xa athe weza yena, uya kusityela izinto zonke.
26 Athi uYesu kuyo, Mna ndithethayo nawe ndinguye.
27 Kwathi kwangoko bafika abafundi bakhe, bamangaliswa kukuba athethe nomntu oyinkazana; noko ke akubangakho namnye owathi. Ùfuna ntoni na? nowathi, Yini na ukuba uthethe nayo?
28 Yawushiya ngoko umphanda wayo intokazi, yemka yaya ekhaya; ithi ebantwini,
29 Yizani, nibone umntu ondixelele izinto zonke endakha ndazenza; lo akangebi nguye uKristu* yini na?