28 Yawushiya ngoko umphanda wayo intokazi, yemka yaya ekhaya; ithi ebantwini,
29 Yizani, nibone umntu ondixelele izinto zonke endakha ndazenza; lo akangebi nguye uKristu* yini na?
30 Baphuma ke ekhaya, baye besiza kuye.
31 Ke kaloku, kweso sithuba abafundi babemthandaza, besithi, Rabhi,* yidla.
32 Uthe ke yena kubo, Mna ndinokudla endikudlayo, eningakwaziyo nina.
33 Babethetha bodwa ngoko abafundi, besithi, Ingaba kukho omziseleyo na ukudla?
34 Athi uYesu kubo, Okwam ukudla kukuba ndenze ukuthanda kowandithumayo, ndiwufeze umsebenzi wakhe.