3 yalishiya yona elakwaYuda, yabuya yaya kwelaseGalili.
4 Ibimelwe ke kukuthi icande kwelamaSamariya.
5 Ifike ke emzini welamaSamariya ekuthiwa yiSikare, kufuphi nomhlaba awathi uYakobi wawunika uYosefu unyana wakhe.
6 Ke kaloku umthombo kaYakobi ubukhona.Uthe ke ngoko uYesu, ebulalekile kukuhamba, wahlala enjalo phezu komthombo; ilixa ngathi belilelesithandathu.
7 Kufika intokazi yelamaSamariya, isiza kukha amanzi, athi uYesu kuyo, Ndiphe ndisele.
8 (Kuba abafundi bakhe bebemke baya kuthenga ukudla emzini apho.)
9 Ithi ngoko intokazi engumSamariyakazi kuye, Ùthini na wena, ungumYuda nje, ukucela kum into eselwayo, ndingumSamariyakazi nje? Kuba akanabudlelane amaYuda namaSamariya.