12 Ambuza ngoko athi, Ngubani na yena loo mntu uthe kuwe, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe?
13 Ke kaloku, owaphiliswayo ebengazi ukuba ngubani na; kuba uYesu wathi shwaka, kwakubon' ukuba kukho izihlwele kuloo ndawo.
14 Emveni kwezi zinto, uYesu umfumana etempileni, athi kuye, Ùyabona, uphilile; musa ukuba sona, ukuze ungahlelwa yinto embi kunaleyo.
15 Wemka umntu lowo, waxela kumaYuda, ukuba nguYesu omenze waphila.
16 Ngenxa yoko ayemtshutshisa uYesu amaYuda, afuna ukumbulala; ngokuba wayesenza ezo zinto ngesabatha.
17 Wawaphendula ke uYesu wathi, UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ndiyasebenza.
18 Ngenxa yoko ke ayefuna ngakumbi amaYuda ukumbulala; ngokuba ubengaphule sabatha yodwa, wayetshilo nokuthi, uThixo ngowakhe uYise, ezenza alingane noThixo.