34 Mna ke andamkeli bungqina mntwini; ndizithetha ezi zinto, ukuze nina nisindiswe.
35 Yena lowo ebesiso isibane esivuthayo, esikhanyayo; ke nina nathanda ukugcoba umzuzwana elukhanyweni lwakhe.
36 Mna ke ndinabo ubungqina obungaphezu kobukaYohane; kuba imisebenzi awandinikayo uBawo ukuba ndiyifeze, yona le misebenzi ndiyenzayo mna, iyangqina ngam, ukuba uBawo undithumile.
37 NoBawo owandithumayo, yena ungqinile ngam. Anizanga nilive izwi lakhe nakanye, niyibone nembonakalo yakhe.
38 Nezwi lakhe aninalo lihleli kuni; ngokuba lowo uthunywe nguye, ningàkholwa nguye nina.
39 Ziphengululeni* izibhalo, ngokuba nina niba ninobomi obungunaphakade kuzo; zaye zona zingqina ngam.
40 Nibe ke nina ningathandi ukuza kum, ukuze nibe nobomi.