28 Wadanduluka ke ngoko uYesu, efundisa etempileni, wathi, Nina niyandazi, nikwazi nalapho ndivela khona; andizanga ngokwam; uyinyaniso owandithumayo, eningamaziyo nina.
29 Mna ke ndiyamazi; ngokuba ndivela kuye, waye yena endithumile.
30 Babefuna ngoko ukumbamba; kodwa akubangakho namnye umsa isandla, ngokuba ilixa lakhe belingekafiki.
31 Ke kaloku, into eninzi esihlweleni yakholwa kuye; yayisithi, uKristu*, xa athe wafika, angaba uya kwenza imiqondiso emininzi na kunale ayenzileyo lo?
32 AbaFarisi beva abantu bezikrokrela ezi zinto ngaye; baza abaFarisi nababingeleli abakhulu bathuma amadindala, ukuba ambambe.
33 Wathi ngoko uYesu kuwo, Liselixesha elifutshane endinani, ndizè ndiye kowandithumayo.
34 Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina.