11 wenza isibhambathiso kuNdikhoyo, wathi: “Ndikhoyo Somandla, wanga ungayibona inkxwaleko yesicakazana sakho, usikhumbule, ungasilibali isicakazana sakho, kodwa usinike unyana. Ke ndomnikezela kuwe, Ndikhoyo, abe ngowakho bonke ubomi bakhe, yaye neenwele zakhe azinakuze zichetywe.”
12 UHana wathandaza ithuba elide, uEli emjongile, ethe ntsho kuloo milebe.
13 Wayengavakalisi kuthetha uHana, kodwa yayibebezela yona imilebe. UEli wacinga ukuba uHana uyanxila,
14 wathi kuye: “Koda kube nini na unxila? Yahlukana notywala!”
15 “Hayi, mhlekazi, andinxilanga,” waphendula watsho uHana. “Andikhange ndisele iwayini okanye utywala, nto nje ndibuhlungu kakhulu. Wena undibona ndibika intlungu yam kuNdikhoyo.
16 Uze ungathi ndilitshijolo lomfazi. Ndithandaza ndingayeki nje, kungenxa yokuba ndibindekile ndihluphekile.”
17 “Hayi ke, hamba ngoxolo; uThixo kaSirayeli uya kukwenzela ngokwesicelo sakho, ntombi yam,” watsho uEli.