1 Kasamweli 31 XHO96

Ukufa kukaSawule noonyana bakhe

1 Aqubisana amaFilistiya namaSirayeli, aswantsuliswa amaSirayeli, kwawa inkitha yawo kuloo ntaba iGilibhowa.

2 AmaFilistiya awasukela, athana mbende noSawule kunye noonyana bakhe, aza ababulala bobathathu oonyana bakaSawule, uJonatan, noAbhinadabhi, kunye noMalkishuwa.

3 Laba shushu idabi kufuphi noSawule, abatoli bamngxwelerha.

4 Kweso sithuba uSawule ubhekise kumfana owayephatha izikhali zakhe, wathi: “Rhola ikrele, undigwaze. Andifuni kuvuyelelwa zeziya ntlanga zingalukanga, xa ziza kundibulala.”Loo mfana kambe akazange avume kuyenza loo nto, kuba wayesoyika. USawule ke urhole ikrele lakhe, waza waziphosa kulo.

5 Wathi akubona uSawule efile, naye loo mfana waziphosa kwelakhe ikrele, wafa kunye noSawule.

6 Kwaba njalo ke ukufa kukaSawule, noonyana bakhe bobathathu, kunye naloo mfana owayemphathela izikhali. Kwawa onke amadoda omkhosi kaSawule ngaloo mhla.

7 AmaSirayeli angaphesheya kwentili nangaphesheya kweJordan athi akubona ukuba umkhosi wakwaSirayeli uswantsulisiwe, nokuba uSawule kunye noonyana bakhe bawile, ashiya iidolophu zawo, abhaca. Afika amaFilistiya, ahlala kwezo dolophu zawo.

8 Ngengomso xa amaFilistiya aya kuphanga impahla yâbo babewe edabini, afika izidumbu zooSawule noonyana bakhe bobathathu ziqungquluze apho kuloo ntaba iGilibhowa.

9 Amnqumla intloko uSawule, amkhulula izixhobo zakhe zemfazwe, athumela izigidimi kulo lonke elamaFilistiya, ukuba ziye kuvakalisa iindaba zoloyiso ezindlwini *zoothixo bawo nakuwo onke amawabo.

10 Izikrweqe zikaSawule azibeka endlwini yothixo wawo uAshtaroti, isidumbu sakhe asibethelela kudonga lwedolophu iBhete-shan.

11 Zathi zakuvakala kubantu baseJabheshe eGiliyadi iindaba zento eyenziwe kuSawule ngamaFilistiya,

12 kwanduluka onke amagorha alapho, ahamba ubusuku bonke esinga eBhete-shan. Afika azithula izidumbu zooSawule noonyana bakhe kolo donga lwaseBhete-shan, agoduka nazo, aya kuzitshisa eJabheshe.

13 Emva koko bawathatha amathambo abo, baya kuwangcwaba ngaphantsi komthi womtamariske eJabheshe, baza bazila iintsuku ezisixhenxe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31