1 Aqubisana amaFilistiya namaSirayeli, aswantsuliswa amaSirayeli, kwawa inkitha yawo kuloo ntaba iGilibhowa.
2 AmaFilistiya awasukela, athana mbende noSawule kunye noonyana bakhe, aza ababulala bobathathu oonyana bakaSawule, uJonatan, noAbhinadabhi, kunye noMalkishuwa.
3 Laba shushu idabi kufuphi noSawule, abatoli bamngxwelerha.
4 Kweso sithuba uSawule ubhekise kumfana owayephatha izikhali zakhe, wathi: “Rhola ikrele, undigwaze. Andifuni kuvuyelelwa zeziya ntlanga zingalukanga, xa ziza kundibulala.”Loo mfana kambe akazange avume kuyenza loo nto, kuba wayesoyika. USawule ke urhole ikrele lakhe, waza waziphosa kulo.
5 Wathi akubona uSawule efile, naye loo mfana waziphosa kwelakhe ikrele, wafa kunye noSawule.
6 Kwaba njalo ke ukufa kukaSawule, noonyana bakhe bobathathu, kunye naloo mfana owayemphathela izikhali. Kwawa onke amadoda omkhosi kaSawule ngaloo mhla.
7 AmaSirayeli angaphesheya kwentili nangaphesheya kweJordan athi akubona ukuba umkhosi wakwaSirayeli uswantsulisiwe, nokuba uSawule kunye noonyana bakhe bawile, ashiya iidolophu zawo, abhaca. Afika amaFilistiya, ahlala kwezo dolophu zawo.
8 Ngengomso xa amaFilistiya aya kuphanga impahla yâbo babewe edabini, afika izidumbu zooSawule noonyana bakhe bobathathu ziqungquluze apho kuloo ntaba iGilibhowa.
9 Amnqumla intloko uSawule, amkhulula izixhobo zakhe zemfazwe, athumela izigidimi kulo lonke elamaFilistiya, ukuba ziye kuvakalisa iindaba zoloyiso ezindlwini *zoothixo bawo nakuwo onke amawabo.
10 Izikrweqe zikaSawule azibeka endlwini yothixo wawo uAshtaroti, isidumbu sakhe asibethelela kudonga lwedolophu iBhete-shan.
11 Zathi zakuvakala kubantu baseJabheshe eGiliyadi iindaba zento eyenziwe kuSawule ngamaFilistiya,
12 kwanduluka onke amagorha alapho, ahamba ubusuku bonke esinga eBhete-shan. Afika azithula izidumbu zooSawule noonyana bakhe kolo donga lwaseBhete-shan, agoduka nazo, aya kuzitshisa eJabheshe.
13 Emva koko bawathatha amathambo abo, baya kuwangcwaba ngaphantsi komthi womtamariske eJabheshe, baza bazila iintsuku ezisixhenxe.