1 Kasamweli 2 XHO96

Umthandazo kaHana

1 Ke kaloku uHana wathandaza emtyibela *uNdikhoyo, wathi:“Intliziyo yam inemincili ngawe, Ndikhoyo!Uphondo lwam luphakanyisiwe nguwe.Awuhlangani umlomo wam kukuqhayisela iintshaba zam,ndichulumanca lusindiso lwam.

2 Hayi, akakh' onjengawe;hayi bo, wahlukile wena, Ndikhoyo!Akukh' ongxondorha injengoThixo wethu!

3 “Yithini tu! Yekan' ukuzingca!Yithini cwaka, niyek' ukuzigwagwisa!Kaloku uNdikhoyo ngumazi wezinto zonke;nguye ogocagoca izenzo zabantu.

4 Izikhali zamakhalipha ziwile;ababekhubekile bathiwe jize ngobukrothi.

5 Izihluthi zijika zibe ngabangqibi,izilambi zidlokove yintlutha.Usitshw' isixhenxe umfaz' ongazaliyo,az' ozalayo asal' ejijitheka.

6 NguNdikhoyo obulal' abuy' aphilise;utshonisa engcwabeni abuy' avuse.

7 Busesandleni sikaNdikhoyo ubutyebi nobuhlwempu,ngokunjalo ukuphakanyiswa nokuthotywa;

8 nguye ophakamis' iindway' eluthulini,abasuse eluthuthwini abahlelelekileyo,ababeke kunye neendwalutho,baxhamle uzuko lobukhosi.Iintsika zehlabathi zezikaNdikhoyo;walithi zinzi elimiweyo phezu kwazo.

9 “Nguye umkhuseli weenyawo zabakholose ngaye.Bothi shwaka ebumnyameni abakhohlakeleyo.Akungamandla amntu ukuphumelela.

10 Bobhanga kuthi tu abachas' uNdikhoyo;wozongom' emazulwini barhwaqele.Nguye olawula namaphethel' ehlabathi.Uya kumambesa ngamandla ukumkani,luphakame uphondo lomthanjiswa wakhe.”

11 Bagoduka ke ooElikana baya eRama, yasala apho eShilo yona inkwenkwe, ikhonza uNdikhoyo phambi kombingeleli uEli.

Ubutshijolo boonyana bakaEli

12 Oonyana bakaEli ke babengamatshijolo, bengamazele nto *uNdikhoyo.

13 Kaloku inkqubo yababingeleli nabantu yayikukuthi xeshikweni nabani na enikezela idini, kuthi ngeli xesha imbiza yenyama ibilayo, sifike isicaka sombingeleli siphethe ifolokhwe entloko ineencula ezintathu.

14 Besihlaba ngayo epanini, nokuba kuseketileni, okanye esityeni sokupheka, kungenjalo embizeni nje, aze umbingeleli azithathele loo ndawo iphume nefolokhwe. Kwakuqhutywa ngolu hlobo kuwo onke amaSirayeli ayeye eShilo.

15 Kodwa ngoku bekuthi, singekatshi siphele isiqhumiso samanqatha, suka isicaka sombingeleli siye kuloo mfo unikezela idini, sithi kuye: “Nika umbingeleli inyama, ose! Akayifuni inyama yakho ephekiweyo; ufuna ekrwada.”

16 Ukuba loo mntu uphendule wathi: “Kaloku kufuneka siqale sitshe siphele isiqhumiso samanqatha, wandule ukuthatha loo ndawo uyithandayo,” besisithi isicaka sombingeleli: “Hayi, ndinike ngoku; kungenjalo ndoyithatha ngetshova.”

17 Esi sono soonyana bakaEli sokudela iminikelo sasisikhulu kakhulu emehlweni kaNdikhoyo.

Inzala kaElikana kuHana

18 Yena uSamweli wayehlala ekhonza endlwini *kaNdikhoyo – inkwenkwana ethiwe wambu ngesidanga selineni.

19 Minyaka le unina wayedla ngokumenzela umnwetyana, aye nawo eShilo, xa umyeni wakhe aye kwenzela uNdikhoyo idini lonyaka.

20 UEli wayemthamsanqelisa uElikana nomkakhe uHana, athi: “Ubenga uNdikhoyo angenza lo mfazi akuzalele abanye abantwana endaweni yalo wamcelayo waza wamnikela kuye,” baze ke emva koko bagoduke.

21 UNdikhoyo ngenene wamvelela uHana, waza wamitha, wazala abanye oonyana abathathu kunye neentombi ezimbini. Yona inkwenkwe uSamweli yakhulela kwaNdikhoyo.

Ukuqaqadeka koonyana bakaEli

22 UEli ngeli xesha wayeselaluphele mpela. Wayesoloko esiva ngemikhwa emibi yoonyana bakhe kumaSirayeli. Wayiva nento yokuba babelala abafazi ababekhonza ngasemasangweni enkundla *yesibingelelo *sikaNdikhoyo.

23 Wabakhalimela wathi: “Yeyantoni le ntlondi niyenzayo ebaliswa ngabantu bonke!

24 Hayi, bantwana bam, imbi le nto endiyiva ithethwa ngani ngabantu bakaNdikhoyo!

25 Kaloku umntu one omnye umntu angathethelelwa phambi koThixo; angalanyulelwa kanjani ke xa one uNdikhoyo ngokwakhe?”Ke bona oonyana bakhe abazange bamhoye, naye uNdikhoyo wayeselezimisele ukubatshabalalisa.

26 Ke yena uSamweli wakhula ngesithomo, ebabalwa nguNdikhoyo, ethandwa nangabantu.

Isiqalekiso sendlu kaEli

27 Kwafika umfo wakwaThixo kuEli, wathi: “Utsho *uNdikhoyo ukuthi: ‘Wazi kakuhle ukuba ndazityhila kookhokho bakho, xa babengamakhoboka eJiputa phantsi kokumkani walapho.

28 Uyayazi nento yokuba ndabatyumba phakathi kwezizwe zakwaSirayeli, ndathi bona boba ngababingeleli bam, basondele eqongeni lam, benze isiqhumiso, bagaxele *isidanga sam. Ndatsho nokuthi boba nenxaxheba kumadini anikelwa kum ngomlilo ngamaSirayeli.

29 Kungani ke ukuba ninyelise amadini neminikelo emiselwe ndim endaweni yam? Kungani ukuba uxabise oonyana bakho ngaphezu kwam, suka nizingxale ngokuthatha ezona-zona ndawo ziphambili zeminikelo endiyenzelwa ngabantu bam amaSirayeli?’

30 “Ngako oko uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, uthi: ‘Mna ndathembisa ukuba indlu yakho nendlu kayihlo yoba ngababingeleli bam naphakade.’ Kodwa ngoku uNdikhoyo uthi: ‘Unotshe! Mna ndiwonga abo bandihlonelayo, abo bandidelayo ndibaqalekise.

31 Iyeza imihla endiza kuwashunqula amandla akho namandla endlu kayihlo, khon' ukuze ingabikho ingwevu kumlibo wenu.

32 Niya kubona imbandezelo endaweni yam, naxa amanye amaSirayeli aya kuba nempumelelo. Ewe, akusayi kubuya kubekho nkonde kowenu.

33 Nokuba kungakho omnye wenzala yakho osasondela eqongeni, naloo nto iseza kukulilisa ikuhluphe, kuba inkoliso yamadoda endlu yakho iya kufa iselula.

34 “ ‘Into eya kufikela uHofeni noPineyasi oonyana bakho iza kuba ngumqondiso kuwe wale nto yonke endiyithethileyo. Bona baza kufa ngamini-nye.

35 Ndiza kumisela owam umbingeleli onyanisekileyo, oya kwenza intando yam yonke. Ndiya kuyizinzisa indlu yakhe, andikhonze lonke ixesha phambi kokumkani otyunjwe ndim.

36 Bonke abomzi wakho abaya kusinda baya kuya kuloo mbingeleli wam, bazithobe kuye, bacele imali nento etyiwayo, bathi: “Ndivumele ukuncedisa ababingeleli, khon' ukuze ngaloo ndlela ndizuze into etyiwayo.” ’ ”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31