3 Minyaka le lo mfo wayedla ngokuya eShilo, aye kunqula *uNdikhoyo uThixo onamandla onke, anikele amadini. UHofeni noPineyasi, oonyana bakaEli, babengababingeleli bakaNdikhoyo apho.
4 Wayedla ngokuthi uElikana, ngomhla enze idini, akhuphe izabelo zikaPenina nezabantwana bakhe,
5 uHana yena amnike sibe sinye, naxa wayemthanda nje. Kaloku uHana wayeyivinjiwe inzala nguNdikhoyo.
6 Ngaphezu koko umka-ndod' akhe uPenina wayesoloko emcunukisa, emngcungcuthekisa ngokungazali kwakhe.
7 Yayisithi rhoqo le nto ukwenzeka xa beye kwaNdikhoyo eShilo minyaka le. UPenina wayesoloko emnukuneza ngokungazali kwakhe uHana, amtsho ade akhale ezimathontsi, angafuni nokutya oku.
8 Kwakuba njalo indoda yakhe uElikana yayisithi: “Hana, ulilela ntoni? Kutheni ungatyi nokutya oku? Ukhathazwa yintoni kakade, selude waziduba wadandatheka kangaka? Andixabisekanga na kuwe ngaphezu koonyana abalishumi?”
9-10 Ngamhla uthile, beseShilo apho, kwakuba kutyiwe kwaselwa, wasuka waphakama uHana, ebindekile, wazibika *kuNdikhoyo. Ngelo xesha umbingeleli uEli wayehleli esihlalweni sakhe ngasemnyango wendlu kaNdikhoyo. Ebuhlungu enjalo uHana, wathandaza,