11 Bathi bakumbona esenza loo nto abantu ababekade bemazi, babuzana besithi: “Yeha ke! Nithi ungenwe yini na unyana kaKishe? Nithi noSawule selewaba ngomnye *wabashumayeli na?”
12 “Bangoonyana bakabani bona aba?” wavakala esitsho omnye wabemi balapho.Savela loo mini ke isaci esithi: “NoSawule lo kanti selewaba ngomnye wabashumayeli na?”
13 Wathi akuyeka ukushumayela uSawule, wenyuka waya endulini.
14 Uyisekazi akumbona yena nesicaka sakhe, wathi: “Khawutsho; nivela phi?”“Besikhangela iidonki,” uphendule watsho uSawule. “Sithe ke sakungaziboni saya kuSamweli.”
15 “Waza wathini ke uSamweli kuni?” kubuza uyisekazi.
16 “Usixelele ukuba iidonki zifunyenwe.” NguSawule ke otshoyo; phofu akachaza nto kuyisekazi ngentetho kaSamweli ngombandela wokuba ngukumkani.
17 Ke kaloku uSamweli wabiza abantu bakwaSirayeli ukuya *kwaNdikhoyo eMizpa.