3 “Ùya kudlula apho, uye kutsho eTabhore kumthi wom-oki, apho wohlangana khona namadoda amathathu esendleleni eya eBhetele ukuya kukhonza uThixo. Enye indoda yoba ithwele amatakane ebhokhwe amathathu, enye iphethe izonka ezithathu, enye ixwaye imvaba yewayini.
4 Loo madoda aya kukubulisa, akunike izonka ezibini, oya kuthi wena uzithathe.
5 Emva koko uya kufika kulaa nduli kaThixo iseGibheya, apho amaFilistiya anekampu yamajoni. Ekungeneni kwakho edolophini apho wohlangana nomgcelele *wabashumayeli, bevela endulini apho, behamba bebetha iihapu, amagubu, iimpempe, neekatala, beshumayela besemoyeni.
6 Nawe ke uya kungenwa nguMoya kaNdikhoyo ngamandla, utsho ungenelele kuloo ntshumayelo nakuloo ntsholo yabo, ube mntu wumbi.
7 Yakuba le miqondiso izalisekile uze wenze oko kusemandleni akho, kuba uThixo unawe.
8 Uya kundandulela ukuya eGiligali. Nakanjani ndiya kufika, senzele khona uNdikhoyo amadini atshiswayo nawobudlelane. Uze undilinde apho iintsuku ezisixhenxe, ndide ndifike, ndikuyalele into omawuyenze.”
9 Uthe uSawule xa ejika enika uSamweli umva, uThixo wamnika mo yimbi uSawule. Yaye yonke loo miqondiso yayithethwe nguSamweli yazalisekiswa kwangaloo mini.