5 Emva koko uya kufika kulaa nduli kaThixo iseGibheya, apho amaFilistiya anekampu yamajoni. Ekungeneni kwakho edolophini apho wohlangana nomgcelele *wabashumayeli, bevela endulini apho, behamba bebetha iihapu, amagubu, iimpempe, neekatala, beshumayela besemoyeni.
6 Nawe ke uya kungenwa nguMoya kaNdikhoyo ngamandla, utsho ungenelele kuloo ntshumayelo nakuloo ntsholo yabo, ube mntu wumbi.
7 Yakuba le miqondiso izalisekile uze wenze oko kusemandleni akho, kuba uThixo unawe.
8 Uya kundandulela ukuya eGiligali. Nakanjani ndiya kufika, senzele khona uNdikhoyo amadini atshiswayo nawobudlelane. Uze undilinde apho iintsuku ezisixhenxe, ndide ndifike, ndikuyalele into omawuyenze.”
9 Uthe uSawule xa ejika enika uSamweli umva, uThixo wamnika mo yimbi uSawule. Yaye yonke loo miqondiso yayithethwe nguSamweli yazalisekiswa kwangaloo mini.
10 Ukufika kukaSawule nesicaka eGibheya wahlangatyezwa ngumgcelele wabashumayeli. UMoya kaThixo wamngena ngamandla, waza naye wangenelela washumayela.
11 Bathi bakumbona esenza loo nto abantu ababekade bemazi, babuzana besithi: “Yeha ke! Nithi ungenwe yini na unyana kaKishe? Nithi noSawule selewaba ngomnye *wabashumayeli na?”