12 Emva koko amadoda aya kuSamweli, afika athi: “Aphi laa madoda ayesithi: ‘Singaphathwa nguSawule na thina?’ Wakhuphe, siwacime igama!”
13 “Akuyi kubulawa mntu namhlanje, kuba olu lusuku uNdikhoyo ahlangule ngalo uSirayeli,” watsho uSawule.
14 USamweli yena uvakele esithi: “Yizani, makuyiwe eGiligali, sizinzise ubukumkani bukaSawule.”
15 Kwayiwa ke, baza apho, ngaphambi kukaNdikhoyo, bazinzisa ubukumkani bukaSawule. Kwenziwa amadini obudlelwane apho, uSawule namaSirayeli ephela bebhiyozela eso siganeko.