7 Wathatha iinkabi zambini, wazihlahla zayimibengo, wathi izigidimi maziyise kulo lonke elakwaSirayeli, zihambe ziyala abantu zisithi: “Umntu ongayiyo emfazweni kunye noSawule noSamweli iinkabi zakhe zoba yimibengo.”AmaSirayeli onganyelwa kukuhlonela uNdikhoyo, aphuma onke, akwasala nempunde le.