1 Wasuka ke uSamweli, wabhekisa kumaSirayeli ephela, wenjenje: “Niyabona, into ebeniyicelile kum ndiyenzile, ndammisela ukumkani wenu.
2 Nanku; uza kunilawula. Mna sendaluphele ndaba yingwevu. Noonyana bam naba phakathi kwenu. Ndanikhokela ndisemtsha kude kuze kuthi gaa apha.
3 Ndim lo ke, ndithi ukuba ndakha ndanona ndimangaleleni ngoku apha phambi *koNdikhoyo naphambi komthanjiswa wakhe ukumkani. Ndakha ndahlutha bani inkabi yakhe yenkomo okanye idonki? Ndakha ndacinezela bani na; ingubani endakha ndamngcungcuthekisa? Ngubani owakha wandinyoba ukundivala umlomo? Ukuba ndakha ndayenza into enjalo, ndiya kuyenza imbuyekezo.”
4 Wahlokoma umzi wathi: “Akuzange wasicinezela nanini, ungazange wangcungcuthekisa bani nakanye; yaye akuzange wathatha nto mntwini.”