22 Ngenxa yegama lakhe elikhulu uNdikhoyo akayi kubalahla abantu bakhe, kuba kwakholeka kuye ukunenza abantu bakhe ncakasana.
23 Mna okokwam andingekhe ndimone uNdikhoyo ngokuyekelela ukunithandazela. Ndizimisele ukunifundisa ukuhamba indlela ethe mbo.
24 Kodwa uNdikhoyo nize nimthobele nimkhonze ninyanisekile ngomxhelo uphela. Kaloku nizibonile ukuba zinkulu kwazo izinto anenzele zona.
25 Kambe ke, ukuba niqhubela phambili ukwenza ububi, uya kunitshabalalisa kunye naloo kumkani wenu.”