25 Umkhosi wonke waya kufika kwindawo enehlathi. Apho ehlathini babubuninzi ubusi.
26 Bakungena ehlathini babona ubusi butsitsa, kodwa akubangakho bani ukhongozelayo atye; kaloku bonke babesoyika isiqalekiso sikaSawule.
27 UJonatan yena wayengasivanga isifungo sikayise esibophelela abantu. Wahlaba ngentonga awayeyiphethe enqatheni lobusi, yabuya imanzi, wafaka emlonyeni, kwatsho kwee qabu kwangoko.
28 Elinye ijoni lathi: “Uyihlo uwubophelele wonke umkhosi ngesifungo esingqongqo, esithi: ‘Uqalekisiwe nabani na oya kuthi atye namhlanje.’ Yiloo nto amadoda ephelelwe ngamandla nje.”
29 UJonatan akuyiva loo nto, wathi: “Ubawo ulifake enkathazweni ilizwe! Ndiziva ndidlamkile ngoku, ndakuba ndikhe ndangcamla intwana yobusi.
30 Ngekukuhle kakhulu ukuba amawethu la ebeyekiwe akutya okuya kutya kuthinjwe kwiintshaba zethu. AmaFilistiya afileyo nge-engaphezulu koku.”
31 Ngaloo mhla emva kokuba amaSirayeli ewatyakatyile amaFilistiya ukusuka eMikimashe kuse eAyalon, aziva ephelile kukudinwa.