15 Izicaka zakhe zathi kuye: “Uyabona, umoya ongalunganga ovunyelwe nguThixo uyakuthuthumbisa.
16 Ke, mhlekazi, yithi masikufunele umntu okwaziyo ukubetha uhadi; kuze kuthi xa ufikelwa ngulo moya mbi akudlalele uhadi, ubuye udlamke.”
17 Wathi uSawule: “Mfuneni loo mntu udlala kakuhle, nize naye kum.”
18 Sathi esinye isicaka: “UJese waseBhetelehem unonyana oyincutshe yengoma. Kanti ukwaligorha lomfana oziqhelileyo iimfazwe. Uliciko lokuthetha, ekwayinzwana, kwaye uNdikhoyo unaye.”
19 USawule wathumela izigidimi eBhetelehem kuJese, wathi: “Ndithumele unyana wakho uDavide owalusa iigusha.”
20 UJese ke wamthumela uDavide kwaSawule, eqhuba itakane lebhokhwe, kunye nedonki ekulayishwe kuyo izonka nemvaba yewayini.
21 Waya kufika kwaSawule uDavide, waba sisicaka apho. Wathandwa kakhulu nguSawule uDavide, wada wenziwa umfana wokuphatha izikrweqe zikakumkani.