19 USawule wathumela izigidimi eBhetelehem kuJese, wathi: “Ndithumele unyana wakho uDavide owalusa iigusha.”
20 UJese ke wamthumela uDavide kwaSawule, eqhuba itakane lebhokhwe, kunye nedonki ekulayishwe kuyo izonka nemvaba yewayini.
21 Waya kufika kwaSawule uDavide, waba sisicaka apho. Wathandwa kakhulu nguSawule uDavide, wada wenziwa umfana wokuphatha izikrweqe zikakumkani.
22 Ke kaloku uSawule wathumela umyalezo kuJese othi: “Ndiyakholwa nguDavide. Selumyeka asebenze apha komkhulu.”
23 Ke uDavide waba soloko ethatha uhadi adlalele uSawule ingoma ngalo lonke ixesha afikelwa nguloo moya mbi uvunyelwe nguThixo, afumane isiqabu, adlamke uSawule, angabi sakhathazwa nguloo moya.