3 Uze ufike umeme uJese eze kwelo dini. Mna ke ndokuxelela into omawuyenze, ndikubonise nomntu omawumthambise abe ngukumkani.”
4 USamweli wenjenjeya ukusinga eBhetelehem, ethunywe nguNdikhoyo. Wahlangatyezwa ngamadoda amakhulu edolophu, egubha kukoyika. Ambuza esithi: “Ngaba uze ngoxolo?”
5 Uthe ukuphendula uSamweli: “Kunjalo kanye; ndize ngoxolo. Ndize kwenzela uNdikhoyo idini. Zihlambululeni, nize nani, sinyuse idini.” Waza uJese noonyana bakhe wabahlambulula, wabamema nabo ukuba beze edinini.
6 Bakuba bezile edinini apho, wathi uSamweli akubona uEliyabhi unyana kaJese, wathetha yedwa esithi: “Inene, nanku umthanjiswa kaNdikhoyo emi phambi kwakhe.”
7 Kodwa uNdikhoyo wathi kuSamweli: “Musa ukujonga ubunzwana bakhe nesithomo sakhe. Asinguye endimfunayo. Kaloku mna Ndikhoyo andijongi okujongwa ngabantu. Abantu bakhangela umfaneleko; mna Ndikhoyo ndikhangela ngaphakathi entliziyweni.”
8 UJese ubize omnye unyana wakhe, uAbhinadabhi, wamgqithisa phambi koSamweli. USamweli wathi: “Hayi bo, nalo akafunwa nguNdikhoyo!”
9 Kugqithiswe uShama, wathi uSamweli: “Naye lo akafunwa nguNdikhoyo.”