6 Bakuba bezile edinini apho, wathi uSamweli akubona uEliyabhi unyana kaJese, wathetha yedwa esithi: “Inene, nanku umthanjiswa kaNdikhoyo emi phambi kwakhe.”
7 Kodwa uNdikhoyo wathi kuSamweli: “Musa ukujonga ubunzwana bakhe nesithomo sakhe. Asinguye endimfunayo. Kaloku mna Ndikhoyo andijongi okujongwa ngabantu. Abantu bakhangela umfaneleko; mna Ndikhoyo ndikhangela ngaphakathi entliziyweni.”
8 UJese ubize omnye unyana wakhe, uAbhinadabhi, wamgqithisa phambi koSamweli. USamweli wathi: “Hayi bo, nalo akafunwa nguNdikhoyo!”
9 Kugqithiswe uShama, wathi uSamweli: “Naye lo akafunwa nguNdikhoyo.”
10 Bada bosixhenxe oonyana bakaJese bagqithiswa phambi koSamweli, yena emana esithi: “Hayi, akatyunjwanga nguNdikhoyo.”
11 USamweli ubuzile kuJese: “Akunanyana bambi na?”Uthe uJese: “Ewe, ukho untondo; phofu usendle; walusa iigusha.”USamweli wathi: “Makaye kubizwa.” Watsho esithi: “Asizi kutya ade afike.”
12 Ke uJese wathumela, waza waphuthunywa. Ebusweni ebekhangeleka esegazini, enamehlo abukhali, eyinzwana yomfo.UNdikhoyo ke wathi kuSamweli: “Nguye ke lowo, mthambise!”