18 UDavide wabalekela kuSamweli eRama, wamchazela ngazo zonke izinto uSawule amenze zona. Banduluka apho uSamweli kunye noDavide, baya kuhlala eNayoti.
19 Uthe uSawule akuva ukuba uDavide uhlala eNayoti eRama,
20 wathumela amadoda, efuna ukumbamba. Abona iqela labashumayeli lihamba lishumayela, likhokelwe nguSamweli. UMoya kaThixo wawafikela loo madoda awayethunywe nguSawule, nawo angenelela ahamba nabashumayeli.
21 Uthe akuyiva loo nto wathumela amanye amadoda, aza nawo angenelela. USawule uthumele izigidimi isihlandlo sesithathu, kwehla esezolo nakwezi.
22 Usuke yena siqu uSawule wenjenjeya ukusinga eRama. Uthe akufika kwiqula elikhulu laseSeku, wabuzisa apho esithi: “Baphi uSamweli noDavide?”Uxelelwe kwathiwa: “BaseNayoti eRama.”
23 Uthe esendleleni eya apho, naye wafikelwa nguMoya kaThixo, waza wahamba eshumayela yonke loo ndlela isinga eNayoti.
24 Wafika wakhulula izambatho zakhe, washumayela njalo apho ekho uSamweli. Walala ze loo mini nobusuku bayo. Savela ngolo hlobo ke nesaci esithi: “NoSawule lo kanti selewaba ngumshumayeli naye?”