7 Emva koko ke uJonatan wambiza uDavide, wamchazela ngengxoxo yakhe noyise. Ukusuka apho waya naye kuSawule, waza ke uDavide wabuyiselwa kwasesikhundleni sakhe komkhulu.
8 Kwabuya kwavuka imfazwe kwakhona phakathi kwamaSirayeli namaFilistiya. Wabuya wawahlasela uDavide, wawabetha ee qhu saa.
9 USawule wafikelwa ngumoya ombi ovunyelwe nguNdikhoyo. Ngaloo mini wayehleli engqendevile ebhotwe, ephethe umkhonto, edlalelwa ihapu nguDavide.
10 Wawujula umkhonto uSawule, efuna ukubethelela ngawo uDavide eludongeni. Suka waphepha yena uDavide, umkhonto wona watshona lé eludongeni apho.
11 Ngobo busuku waphuncuka wabaleka uDavide. USawule wathumela amadoda ukuba aye kungqinga indlu kaDavide, ukuze ambulale kwakusa. UMikali walumkisa umyeni wakhe uDavide, wathi: “Ukuba akubaleki umke apha ngobu busuku, ngomso woba ngofileyo!”
12 Watsho wamkhupha ngefestile, wabaleka wasaba uDavide.
13 UMikali uthathe *umlonde-khaya, wawubeka emandlalweni, wawuqamelisa ngomqamelo woboya bebhokhwe, waza wawambathisa.