20 Mna ke ndodubula apho ngakulo ngeentolo zibe ntathu, ndibe ngathi ndizijolise entweni.
21 Emva koko ke ndothuma isicaka ukuba siye kuzikhangela. Xa ndithi kwisicaka: ‘Nazi iintolo nganeno kwakho, yiza nazo;’ uze uqonde ukuba akukho ngozi, uphume ubuye.
22 Kodwa xa ndithe: ‘Nazo ngaphaya kwakho iintolo;’ uze usuke umke, kuba uNdikhoyo woba esithi: ‘Hamba!’
23 Uze ukhumbule ukuba uNdikhoyo ulingqina phakathi kwethu ngomnqophiso esiwenzileyo.”
24 Wahamba ke uDavide, waya kuzimela endle. Ngomhla womsitho wokuthwasa kwenyanga ukumkani uSawule
25 wahlala endaweni yakhe ethekweni ngaseludongeni. Ecaleni kwakhe kwahlala uAbhinere, waza uJonatan wahlala ejongene nokumkani. Yayingenamntu indawo kaDavide,
26 kodwa uSawule akazange athethe nto loo mini, kuba wacinga esithi: “Ngahle kukho nto imvaleleyo uDavide, emenze waba ngongahlambulukanga – inene *unomlaza.”