3 Wafunga uDavide, wathi: “Kaloku uyihlo uyazi kakuhle ukuba undithanda kakhulu, waza ke wayifihla le nto kuwe yokuceba ukundibulala, esithi: ‘UJonatan makangakwazi oku, kuba woba buhlungu.’ Kodwa ndithi kuwe, ekho nje *uNdikhoyo, nawe ukho nje, lona ingcwaba sendilikrobile!”
4 Kwesi sithuba ke uJonatan uthe kuDavide: “Yitsho ndikwenzele nantoni na oyifunayo.”
5 Wenjenje ke ukuphendula uDavide: “Ngomso oku ngumsitho wokuthwasa kwenyanga, yaye ke kufuneka ndibekho esidlweni sikakumkani. Nceda undikhulule ndiye kuzimela endle kude kube ngokuhlwa kwangomsomnye.
6 Xa uyihlo ephawula ukuba andikho, uze uthi kuye: ‘UDavide undibongozile ukumvumela khe athi tsi kowabo eBhetelehem, abekho xa kusenziwa idini lonyaka elenzelwa onke amawabo.’
7 Ukuba uthe kulungile, úya kuba enoxolo ngakum. Kodwa ukuba uthe wacaphuka, uze wazi ukuba uzimisele ukundenzakalisa.
8 Uze uncede ke uwugcine umnqophiso owandenzela wona phambi koNdikhoyo, usenzele ububele isicaka sakho. Kodwa ukuba ngenene ndinetyala, ndibulale ngokwakho; akukho nto ithi mandisiwe kuyihlo.”
9 “Unotshe!” kutsho uJonatan. “Ucinga ukuba ngendingakuxelelanga na xa bendisazi ukuba ubawo uzimisele ukukwenzakalisa?”