6 Xa uyihlo ephawula ukuba andikho, uze uthi kuye: ‘UDavide undibongozile ukumvumela khe athi tsi kowabo eBhetelehem, abekho xa kusenziwa idini lonyaka elenzelwa onke amawabo.’
7 Ukuba uthe kulungile, úya kuba enoxolo ngakum. Kodwa ukuba uthe wacaphuka, uze wazi ukuba uzimisele ukundenzakalisa.
8 Uze uncede ke uwugcine umnqophiso owandenzela wona phambi koNdikhoyo, usenzele ububele isicaka sakho. Kodwa ukuba ngenene ndinetyala, ndibulale ngokwakho; akukho nto ithi mandisiwe kuyihlo.”
9 “Unotshe!” kutsho uJonatan. “Ucinga ukuba ngendingakuxelelanga na xa bendisazi ukuba ubawo uzimisele ukukwenzakalisa?”
10 “Ngubani kakade owondazisa xa uyihlo ekuphendule kalukhuni?” wabuza uDavide.
11 “Makhe siye ngasendle,” kutsho uJonatan. Bahamba ke kunye,
12 waza uJonatan wathi kuDavide: “Ekho nje uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ngeli xesha ngomsomnye ndakuba sendiyiphandile le nto kubawo. Ndokwazisa xa ndimfumene engenandawo ngakuwe.