3 Ngaba akunanto ityiwayo apha? Ndiphe izonka noba zihlanu, okanye nantoni ongaba unayo.”
4 Uthe umbingeleli: “Akukho sonka siqhelekileyo sikhoyo apha; kuphela kwesonka esikhoyo sesingcwalisiweyo. Phofu ungasifumana xa loo madodana akho engakhange ahlangane nabantu ababhinqileyo kutshanje.”
5 UDavide wamphendula umbingeleli wathi kuye: “Inene, asidibani nabantu ababhinqileyo xa sihambela umcimbi, nokuba ngongephi, andithethi ke xa kungumcimbi omkhulu njengalo siwuphetheyo.”
6 Umbingeleli ke wamnika uDavide eso sonka singcwalisiweyo, kuba kwakungekho sonka simbi ngaphandle kweso sasinikelwe kuNdikhoyo. Sasisesisusiwe esibingelelweni, sekubekwe esitsha.
7 UDowegi wase-Edom, induna yabelusi bakaSawule, wayekho apho ngaloo mini, ehlaliswe endlwini kaNdikhoyo.
8 UDavide wabuza uAhimeleki wathi: “Akunamkhonto na okanye ikrele apha? Udaba lukakumkani lwalungxamisekile kangangokuba andizange ndifumane thuba lakuthatha sixhobo konke.”
9 Wathi umbingeleli: “Likho ikrele apha. LelikaGoliyati, lowa mFilistiya wambulalela kwintlambo yom-oki. Naliya phaya ligqunywe ngesidanga, lithandelwe ngesiziba. Ungalithatha xa ulifuna; kuphela kwesikrweqe esikhoyo apha eso.”Wathi uDavide: “Ndinike lona. Akukho limbi linjengalo.”