16 Ukumkani uphethe ngelithi: “Umelwe kukufa, wena Ahimeleki, kunye nomzi wonke kayihlo.”
17 Watsho ebhekisa kubagadi esithi: “Bulalani ababingeleli bakaNdikhoyo! Babebhunga noDavide, abandixelela naxa asabileyo, ukanti babeyazi loo nto.” Bala bona abagadi ukusa isandla kubabingeleli bakaNdikhoyo.
18 Wathi ke uSawule kuDowegi: “Bahlasele aba babingeleli!” Waza uDowegi wabahlasela wababulala bonke. Yayingamashumi asibhozo ababingeleli ababenelungelo lokuphatha *isidanga ababulawa nguDowegi ngaloo mini.
19 Wada wabulala bonke abemi baseNobhi, eyayisisixeko sababingeleli. Kwafa amadoda nabafazi, abantwana neentsana; kwafa zinkomo, zidonki, zigusha, akwasala nto.
20 Kwasinda kuphela uAbhiyatare unyana ka-Ahimeleki, owabalekela kuDavide.
21 Wafika wambalisela ukuba uSawule ubaxabele ababingeleli bakaNdikhoyo.
22 Wathi uDavide kuAbhiyatare: “Ndaqonda kakuhle ndakumbona uDowegi phaya eNobhi ukuba akanakuze angamxeleli uSawule. Ndim obabeke esichengeni abantu bakuni.