20 Kwasinda kuphela uAbhiyatare unyana ka-Ahimeleki, owabalekela kuDavide.
21 Wafika wambalisela ukuba uSawule ubaxabele ababingeleli bakaNdikhoyo.
22 Wathi uDavide kuAbhiyatare: “Ndaqonda kakuhle ndakumbona uDowegi phaya eNobhi ukuba akanakuze angamxeleli uSawule. Ndim obabeke esichengeni abantu bakuni.
23 Seluhlala apha kunye nam, ungaxhali; akukho nto iya kukuthi cha apha. Lowo uzungula ubomi bakho uzungula nobam.”