25 USawule wanduluka ukuya kufuna uDavide. Kodwa yena uDavide wayixelelwa loo nto, wemka waya kuhlala kwingxondorha yenduli eyayikuloo ntlango iMawoni. Uthe akuyiva loo nto uSawule, waya kwintlango iMawoni, esekhondweni likaDavide.
26 USawule nomkhosi wakhe noDavide namadoda akhe bohlulwa yiloo nduli, omnye ekwelinye icala, omnye ekwelinye, ooDavide bezama ukubaleka umkhosi kaSawule owawuselubarhangqile ukubabamba.
27 Kanye ngelo thuba kwafika isigidimi kuSawule, size nodaba oluthi: “Khawuleza uze, kuba amaFilistiya ayaliphanga ilizwe lakowethu.”
28 Wajika kwangoko uSawule, waya kuqubisana namaFilistiya. Loo nduli yathiywa igama elithi yiSela-hamalekoti.
29 Wemka apho uDavide, waya ezindaweni ezinqabileyo zase-Engedi, wafika wazímela apho.